Itshantliziyo laseGqeberha, uPamela Mabini, udutyulwe wabulawa KwaZakhele kwimoto yakhe emise ecaleni kwekhaya lakhe.
Image: X
Itshantliziyo elaziwayo laseGqeberha, uPamela Mabini, 46, nokwadume ngokuxhasa amaxhoba kaTimothy Omotoso udutyulwe wabhubha KwaZakhele namhlanje, ngoLwesihlanu.
Ufunyenwe ngaphakathi kwebakkie yakhe emhlophe yohlobo lweChevrolet enamanxeba amaninzi okudutyulwa, ecaleni kwekhaya lakhe.
Isithethi sosapho, uLuzuko Gaxamba ongumzala kaPamela uzingqinile iindaba zokubhubha kwakhe kwiintatheli. "Ngokwenene uyewasishiya namhlanje, uyewasutywa kukufa ngokudutyulwa, udutyulwa ngoku ngoo10 ukuya ngo11, edutyulelwa apha ngasendlini esemotweni," utshilo uGaxamba.
UGaxamba uthe akukho lula ukuphulukana nelungu losapho ingakumbi ngolu hlobo. "Kubuhlungu kakhulu, ukuba ubunokungena ngaphakathi ubunokubona intlungu yabantu abangaphakathi, ngakumbi kuba uPam ibinguye obebeka ukutya etafileni."
Uqhubekile uGaxamba wathi uPamela ebedlala indima enkulu eluntwini kwaye ebeneNPO apho wayenceda abantu abangathathi ntweni ingakumbi abantwana besikolo ebanika iipedzi, izihlangu zesikolo, njalo njalo. "Udlale indima kwimiba yobulungisa kwezentlalo, ebekhuthaza ngamandla ukuba kuliwe ulwaphulomthetho," utshilo.
UMabini ebesiya rhoqo kwityala likaOmotoso.
Ngokweengxelo, uMabini wadutyulwa ngo2018 ngabenzi bobubi abangaziwayo kwaye wafumana imiyalezo egrogrisayo ngelo xesha.
Amapolisa akhangela umenzi okanye abenzi bolu lwaphulomthetho.