UDJ Sbu oberhoxe kwiRadio 2000 ubhengeze ukuba utyikitye isivumelwano esitsha nesi sikhululo sikanomathotholo.
Image: File
Kwiveki ephelileyo, uDJ Sbu wenze isibhengezo esothusayo sokuba uyarhoxa kwisikhululo sikanomathotholo iRadio 2000 kodwa ngoku ubhengeze ukuba utyikitye isivumelwano esitsha seenyanga ezilishumi elinesibini nesi sikhululo.
"Ndiyavuya ukunazisa ukuba ndiza kuhlala neRadio 2000, ndityikitye isivumelwano seenyanga ezilishumi elinesibini. Gcina iindlebe zakho ziphulaphule iBig Breakfast, phakathi evekini ukusukela ngentsimbi yesithandathu ukuya kweyethoba kusasa,” utshilo uDJ Sbu ngempelaveki kwingxelo emfutshane.
Kwiveki ephelileyo, uDJ Sbu ogama lakhe lokwenyani nguS'busiso Leope, uye warhoxa kwiRadio 2000 kwisithuba esingangenyanga phambi kokuba kuphele isivumelwano sakhe. "Esi sigqibo asikhange sibe lula, njengoko ixesha lam kwiRadio 2000 lizaliswe ngamava axabisekileyo, iinkumbulo ezithandekayo, kunye novuyo lokunxulumana nabaphulaphuli bethu abamangalisayo,” utshilo xa ebhengeza ukurhoxa kwakhe.
Ngoku etyikitye isivumelwano esitsha sonyaka, abantu bazakuthi gqolo ukumva kumaza omoya eqhuba inkqubo yakhe yakusasa, iBig Breakfast Show phakathi evekini ngentsimbi yesithandathu ukuya kweyethoba kusasa kuRadio 2000.
Related Topics: